
Umfazi waseLusikisiki Ubulawe Ngokugwintwa Ebekhusela Umhlobo Wakhe.
Ilizwe lisebumnyameni emva kokubulawa kwebhunqa eneminyaka engama-29 eLusikisiki, kwilali yaseMpoza.
Ixhoba, elingu AsipheNtsoyana, kuthiwa ubesebuthongweni ngobusuku bangoLwesine, umhla we-18 kweyeSilimela 2026, ngexesha kunkqonkqozwa emnyango wakhe. Uthe akuvula, wava indoda ifuna ukungena ngenkani, ikhangela isithandwa sayo.
Ngokwengxelo, uAsiphe uvule umnyango le ndoda yangena ikhangela intombi ekucingelwa ukuba sisithandwa sayo, eyayingumhlobo wexhoba. Ngethuba uAsiphe exelela le ndoda ukuba loo mfazi akakho, kuthiwa le ndoda inyanzelise ukuba iye kukhangela endlini.
Emva kokuba ingamfumani lowo ibimkhangela, kuthiwa le ndoda ijike kuAsiphe yaze yamgwinta ngemela. UAsiphe uswelekele kwangaphakathi kwindlu yakhe.
Okwangoku, akukho nto ithe yacaca malunga nokubanjwa komrhanelwa, kodwa amapolisa aqhubeka nophando lwawo.
