Umbhali osaze ngobuso ezweni .

Ibali lam laqala ebhedini yasesibhedlele , laya kwigumbi lokufundela, laya kwisiXeko soMama (Mother City), ngoku selisiya kwinqanaba lesizwe
Igama lam ndingu Siyamthanda Peko. Ndazalwa ngomhla wama-23 kweyoMdumba ngo-2009 kwidolophana encinci yaseMpuma Koloni ebizwa ngokuba yiNgqamakhwe. Ndafunda amabanga aphantsi eKwasa English Medium School, apho ndakhuliswa ndaza ndabunjwa ndaba ngumbhali endinguye namhlanje.
Ndineminyaka emi-5 kuphela ubudala xa ndenza ukubonakala kwam kokuqala eqongeni. Ndathatha inxaxheba kukhuphiswano lopelo-magama (Spelling Bee), ukubhala izincoko, ukuthetha esidlangalaleni, iingxoxo-mpikiswano (debate), ndaze ndonyulwa ndaba yiNtloko yesikolo (Head Girl).
Uhambo lwam lwasesekondari lwaqala eBethel College, apho ndafumana ithuba lokungena kumagqibela-kankqoyi e-AFS ngenjongo yokuyokufunda phesheya kolwandle. Emva koko ndatshintshela eLamplough Senior Secondary School eButterworth, apho ndaphinda ndafumana indawo kwi-WSAS Sports and Academic Scholarship. Iimeko zopolitiko lwehlabathi (geopolitics) zaphazamisa iphupha lam lokugqibezela idiploma yam yaseMelika, kodwa andizange ndinikezele. Ndaphakama ndaza ndoyisa yonke imiqobo eyayiphambi kwam.
Ndafumanisa italente yam yokubhala ndineminyaka eli-10 ngenxa yootitshala bam besiNgesi, kodwa ndagqiba ekubeni ndibalise ibali lam ndineminyaka eli-17. Kwandithatha iminyaka emine ukubhala nokupapasha incwadi yam kuba kwakufuneka ndiqale ndoyise uloyiko, amathandabuzo nokungazithembi.
Isihloko sencwadi yam esithi “I AM MY ROOTS” (Ndingcambu Zam)siphefumlelwe yinyani yokuba zonke iingxaki endakha ndadibana nazo zindenze umntu endinguye namhlanje. Zonke iinzima endazinyamezelayo zandakha, kwaye ukusilela kwam kwaguquka kwaba yimpumelelo emva kokoyisa uloyiko namathandabuzo.
Ngaphandle kwenkxaso yabazali bam, ootitshala nabahlobo bam, ngendandilahle iphupha lam lokuba ngumbhali kwakudala. Le ncwadi ikwanikela imbeko kubomi bukaLuxolo Samuel Peko ongasekhoyo, igqwetha elandithatha njengomntakwethu nelandivulela indlela kwezomthetho. Wandazisa kwezopolitiko waza wandikhuthaza ukuba nam ndifunde ezomthetho. Uhambo lwam lokuba ligqwetha lusaqala, kwaye ndinqwenela ukulandela umzekelo wakhe kunye nowoMmeli uThembeka Ngcukaitobi.
Le ncwadi iqulethe ingqokelela yemibongo nezincoko endizibhale kule minyaka idlulileyo. Kum, ezi zibhalo ngamaqhekeza entliziyo nengqondo yam. Ndibhala ngezinto zonke ezandimisa ndacinga nzulu ngobomi. Ilizwi lam lezopolitiko liyavakala kuba ndinqwenela ukuba ngowokuqala umfazi ontsundu ukuba nguMongameli woMzantsi Afrika.
Ndichukumisa imingeni ebangelwa kukungazi nokubawa. Ndibhala nangendlela intlungu yokulahlekelwa etshintsha ngayo ubuntu bomntu. Ndibhala ngobuhlwempu nendlela obuhlutha ngayo abantu isidima, kunye nendlela obubadimaza ngayo. Njengomntwana oselula, ndibhala nangothando nendlela olukhokelela ngayo kudideko. Eminye imibongo iphefumlelwe bubomi basesikolweni sokuhlala (boarding school). Ubuntwana obulahliweyo kunye nokungakhathalelwa buyabonakala kule anthology. Okokugqibela, ndichukumisa nenkolo nendlela abanye abantu abayisebenzisa ngayo ukufihla okanye ukubalekela izono zabo.
Kubantu bonke abaza kufunda incwadi yam ezayo, ndinqwenela ukuba imibongo nezincoko zam zinivulele iingcango zengcinga nentelekelelo. Makuthi ukufunda le ncwadi kunizalise ziinkumbulo ezintle kwaye kunintywilisele kwihlabathi le-nostalgia.
Ikopi nganye ixabisa i-R250 kuphela.
Ukuba unomdla wokufumana incwadi, ungaqhagamshelana nam ku:
📞 076 738 8378
📧 [siyamthandapeko231@gmail.com](mailto:siyamthandapeko231@gmail.com)
Ndiyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama elithi:
Siyamthanda Peko.
