Umasipala iBCMM enika inkxaso engabhungxiyo kumvelisi wendondo ze AI
UMasipala waseBuffalo City uxhasa iteknoloji entsha ka-Elihle Stali yokunceda abantu abangaboni
KuGompo City, 11 kweyeSilimela 2026 – UMasipala waseBuffalo City ubhengeze inkxaso yawo epheleleyo kwisicwangciso esibalulekileyo sika-Elihle Amahle Stali, esibizwa ngokuba yi-Eastern Cape to China: Smart Tech for the Blind.
UMasipala uthi esi sigqibo sisisikhumbuzo sokuzibophelela kwawo ekuxhaseni iziphiwo zasekhaya , inkqubela-phambili, kunye nokubandakanywa kwabantu bonke, ngeli lixa uqaphela izinga eliphezulu leziphiwo ezikusa ulutsha lwaseBuffalo City.
Njengenxalenye yale nkxaso, uMasipala uza kuhlawula zonke iindleko zohambo zika-Stali ukuya eTshayina, kuquka amatikiti eenqwelomoya kunye nendawo yokulala. Olu hambo kulindeleke ukuba luncede ekuziseni iiglasi ezisebenza nge-AI (Artificial Intelligence) apha eMzantsi Afrika, iteknoloji eyilelwe ukunceda abantu abangaboniyo ukuba bakwazi ukuzihambela ngokuzimeleyo.
Ukuqala kuka-Stali kwale teknoloji kwafika emva kwesithembiso awasenzayo esemncinci sokunceda umakhulu wakhe ongaboniyo eZwelitsha. Ngomsebenzi wakhe, unethemba lokusebenzisa iteknoloji ukuphucula ubomi babantu abangaboniyo kunye nokukhuthaza ukufikeleleka lula kwizinto ezininzi eziluntwini.
UMasipala ukholelwa ukuba eli nyathelo linamandla okudala amathuba amahle kwezentlalo nakwezoqoqosho, ngeli lixa libonisa ubuchule obuzalwa apha eMpuma Koloni.
“Le nkxaso ibonisa ukukholelwa kwethu kwiziphiwo zasekuhlaleni kunye nokuzibophelela kwethu ekuxhasieni abatsha abaneziqalo ezitsha abenza izisombululo ezinokutshintsha ubomi babantu,” utshilo uMasipala.
Obu budlelwane bungumqondiso obalulekileyo ku-Stali, nto leyo ebonisa indlela iziphiwo zaseMpuma Koloni eziqala ngayo ukuqatshelwa kwilizwe liphela nakwamanye amazwe.
