“Ukucela amalizo kwafana nelize,”

Ubungqina obothusayo buvele ngaphambili busuka kumabgqiba kwityala. Labatyholwa ngokubulawa Kwabantu eLusikisiki
ubungqina obuvela kubantu abane abatyholwa kwityala lokubulawa kwabantu e-Ngobozana , eLusikisiki, ziveze iinkcukacha ezothusayo malunga nokuhlaselwa okwakhokelela ekuswelekeni kwabantu abali- 18.
Ngokweengxelo eziphumileyo enkundleni, amaxhoba adutyulwa ngexesha lohlaselo olwalusenzeka kwiindawo ezahlukeneyo. Kuthiwa omnye wabaswelekileyo wacela ukuba iindwendwe zakhe zisindiswe ngaphambi kokuba adutyulwe.
Eli tyala liqhubeka ukutsala umdla wesizwe ngenxa yobukhulu balo kunye nefuthe elinalo kuluntu lwasekuhlaleni. Abatyholwa kulindeleke ukuba baqhubeke nokuvela enkundleni njengoko uphando luqhubeka.
