The Focus Group ikhangela umphathi wemicimbi yeepropati, emonti,empuma koloni. 

#EkhayaIspan💯

The Focus Group ikhangela umphathi wemicimbi yeepropati, emonti,empuma koloni. 

 

IMISEBENZI

Ukulawula iiBhili kunye nokuQokelelwa

• Lawula kwaye ulungise iinkqubo zokubhila

• Qinisekisa ukuvalwa kweebhili ngexesha ekupheleni kwenyanga

• Layisha iintlawulo zabaqeshi kwi-MDA uze uzihambelise nee-akhawunti

• Qinisekisa ukuhanjiswa kweebhili ezichanekileyo kunye nokulayisha kwiinkqubo zangaphandle

• Phendula iingxaki okanye izikhalazo ezinxulumene neebhili

• Phumeza imigaqo-nkqubo yokuqinisekisa umgangatho wokubhila

 

UKUPHATHA IQELA

• Qeqesha, ukhokele, kwaye uxhase iqela lolawulo

• Thatha inxaxheba kwiiprojekthi ezikhethekileyo

• Nika iingxelo zokuqokelelwa kwi management ngeveki/ngeenyanga

• Qinisekisa ukuba iakhawunti ezindala zilandelwa kwaye zilungiswa

 

UBUHLOBO NOMTHENGI 

• Nika inkonzo egqwesileyo kubaqeshi nakubathengi

• Lungisa iingxabano ezinxulumene neentlawulo ezingekahlawulwa

• Yandisa ubudlelwane obuhle nabahlali/abaqeshi

 

ULAWULO LWEPORTFOLIO

• Phatha imicimbi yeziqinisekiso zokuqesha, ukubhila, intlawulo, kunye nemali ebuyisiweyo

• Lawula ukuqokelelwa kweentlawulo zabaqeshi kunye nemibuzo yeakhawunti

• Phumeza imisebenzi ye-accounts payable/receivable kunye ne-cash book reconciliation

 

IIMFUNO

• Ireyiti ye-12 (Matric)

• Isidanga/isiDiploma kuLawulo lweePropati (kukhetho)

• Iminyaka emi-2 ukuya kwe-3 kwindima efanayo

• Amava kushishino lweepropati kunye neenkonzo zikamasipala (kubalulekile)

• Amava kulawulo lwamanqanaba asezantsi

• Izakhono eziphakathi kwiMicrosoft Excel

• Amava kwinkonzo yabathengi

• Ulwazi nge-SAGE kunye ne-MDA (kukhetho)

 

IZAKHONO NEZINTO EZIPHUNYEZWEKILEYO

• Ukukhokela neqela

• Ukuhlonipha, nokuba nobuchule bokunceda abanye

• Ukunxibelelana kakuhle ngomlomo nangokubhaliweyo

• Ukucwangcisa kakuhle kunye nolawulo lwexesha

• Ukugxininisa kwiinjongo kunye nokugqiba ngexesha

• Ukukwazi ukusombulula iingxaki

• Ukusebenza phantsi koxinzelelo

 

Usuku lokuvala aluchazwanga

 

Faka Isicelo Apha 👇 

 

COFA APHA 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯