
Shoprite Group -Beauty Consultant, eGqebehra.
#EkhayaIspan |💯
Shoprite Group ikhangela i-Beauty Consultant, eGqebehra, eMpuma koloni
​INTSUSA YOMSEBENZI
​Ukunikezela ngeengcebiso ezikumgangatho ophezulu kubathengi, ukukhuthaza nokuthengisa iimveliso zobuhle nokuphucula intengiso kwisicandelo sobuhle.
​OKUFUNEKAYO KUWE
​Isiqinisekiso seBanga le-12 (Grade 12)
​Isiqinisekiso sobungcali kwezobuNtshule (Beauty Therapy), kwezokuXuba iZithambiso (Makeup), okanye kwezinye izifundo ezinxulumene noko
​Amava okusebenza kwindawo yezobuhle nokunakekelwa kwesikhumba
​Ubuncinane iinyanga ezi-5 zamava okusebenza kwindawo yokuhlawulela (point of sale / till point) kwintengiso
​OZA KUKWENZA
​Ukuncedisa abathengi nokubacacisela ngamaxabiso neemveliso
​Ukukhuthaza nokwandisa intengiso yezobuhle ngokukhuthaza abathengi ukuba bathenge
​Ukugcina izibalo zeempahla kwisicandelo sobuhle zicocekile kwaye zilungelelaniswe kakuhle
​Ukubonisa indlela zokusetyenziswa kweemveliso kubathengi
​Ukuphendula imibuzo yabathengi nokubonelela ngenkonzo ebalaseleyo
Faka Isicelo Apha 👇
