SBV – CASH PROCESSOR, eKuGompo City

#EkhayaIspan | 💯

 

SBV ikhangela i-CASH PROCESSOR, eKuGompo City, eMpuma Koloni.

 

INKCAZELO MOMSEBENZI

UKWAMKELA IMALI (CASH)

* Ukwamkela iidiphozithi nokuhlaziya iinkqubo zekhompyutha ezifanelekileyo.

* Ukulandela yonke imigaqo nenkqubo zokunciphisa umngcipheko.

UKULUNGISELELA NOKUSEBENZA NGEMALI

* Ukukhangela iikhonteyina/iibhegi ukuba zonakele okanye zigityiselwe na, kwaye unike ingxelo ngeziphoso.

* Ukungqina ukufunyanwa zeekhonteyina kwisistim.

* Ukulungisa iidiphozithi ngokwemigaqo yebhanki (SLAs kunye nee-SOPs).

* Ukulungisa indawo yokusebenza ukuze ubalo lwemali luchaneke.

UKUHLELA AMANQAKU EMALI (NOTES) NOKUXELENGISA

* Ukuhlela nokulungisa amanqaku emali ngamaxesha amiselweyo.

* Ukuthumela amanqaku aliweyo (rejected) ukuze aqinisekiswe kwaye alungelelaniswe.

* Ukuxelengisa amanqaku aliweyo kwaye ukhangele imali yomgunyathi okanye eyonakeleyo.

* Ukwenza ubalo lokugqibela losuku (end-of-day balancing).

* Ukulungisa imali esilelayo okanye eseleyo ngokwemigaqo yee-SOPs.

UKUSETYENZISWA KWE-DESKTOP EKULUNGISENI IIDIPHOZITHI

* Ukugcina iidiphozithi zahlukene ngokomthengi ngamnye.

* Ukulungisa nokubalela zonke iidiphozithi kwangaloo mini.

* Ukunika ingxelo kwi-Team Controller xa kukho ukungahambelani kwamanani.

UKULUNGISWA KWEENKOPO (COINS) NEENAMBA EZINKULU

* Ukulungisa iidiphozithi zeenkoppo ezininzi ngokweenkqubo zenkampani.

* Ukuhlela nokulungisa utshintshiselwano lweenkoppo zoomatshini (teller coin transfers).

UKUDITYANISWA KWEENKQUBO ZEBHANKI

* Ukuqinisekisa iintengiselwano ngokwemigaqo yebhanki.

* Ukuqinisekisa iinombolo zee-akhawunti ukunqanda ilahleko.

* Ukunika ingxelo ngeziphoso zesistim okanye ulibaziseko.

IPAYROLL NOKULUNGISWA KOTSHINTSHO (CHANGE)

* Ukulungisa i-payroll kunye notshintsho ngamaxesha amiselweyo.

* Ukutyinda (seal) nokulungisa ii-floats njengoko kufuneka.

* Ukunika ingxelo ngokungahambelani kwamanani neziphoso zoomatshini.

INKXASO YEMALI EPAKISHIWEYO / TREASURY

* Ukuncedisa ekupakisheni nasekuvuleni imali yee-ATM neyebhanki.

* Ukubhala phantsi iinombolo zeebhegi nezee-seals ngokuchanekileyo.

ULAWULO LWEZIXHOBO ZOMSEBENZI

* Ukusebenzisa nokugcina izixhobo zomsebenzi ngokwemigaqo yee-SOPs.

IIMFUNO EZINCINCI

* Ibanga le-12 (Matric) eline-Maths Literacy.

* Iinyanga ezi-6 zamava njenge-Cashier okanye i-Teller (oku kuya kukunika ithuba elingcono).

 

Faka Isicelo Apha 👇

 

COFA APHA

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯