Sales Representative, eMonti, eMpuma Koloni. 

#EkhayaIspan | 💯

 

Tiger Brands ikhangela i-Sales Representative, eMonti, eMpuma Koloni.

 

INKCUKACHA MOMSEBENZI (JOB DESCRIPTION)

Wena ungobonakala kwicala leeBhaka (Bakeries) kubathengi kwinqanaba lendawo. Unoxanduva lokukhulisa ishishini leebhaka evenkileni ngokunika inkonzo kwishedyuli echaziweyo yendlela ekwingingqi ethile. Usebenza njengengcali yokuthengisa kwiivenkile kwaye wandisa intengiso ngokucwangcisa okusebenzayo nokubhala ii-odolo, kunye nokuxhasa nokugqiba imisebenzi efana nokulungiswa kwempahla (merchandising), ukubekwa ezishelifini, ukujikeleziswa kwesitokhwe (stock rotation), imbuyekezo (returns), kunye namaxabiso. Uzinikele ekusebenziseni ulwazi lwabathengi nolworhwebo ukulungiselela iimfuno zomthengi.

OKO UZA KUKWENZA:

* Phuhlisa kwaye ugcine ulwazi olupheleleyo lweemveliso ze-Tiger Brands phantsi kwakho, iinkqubo zokuthengisa, neendlela zokusebenza.

* Yakha ubudlelwane bezoshishino obomeleleyo nabaphathi beevenkile ukuze unikeze ngenkonzo nexabiso elingaphezulu kokulindelweyo ngumthengi.

* Yenza ucwangciso lwangaphakathi evenkileni ngokulungelelanisa iinkqubo neenkcazelo zentengiso ezisekelwe kwiinyani ngokweemfuno zomthengi, ubume babantu bendawo, kunye nabasebenzisi beemveliso bangoku.

* Sebenzisana nabathengi ukuqinisekisa ukuba ku-odolwa iimveliso ezaneleyo ukuxhasa ukuthengwa kwempahla ngabathengi.

* Phumeza izixhobo zokukhangisa (POP drivers) ngokwezicwangciso zomthengi neze-brand kwaye unike ingxelo kwi-POP scorecard.

* Bala isitokhwe (take stock) kulo lonke uhambo lomsebenzi.

* Qinisekisa ukuba iivenkile ziyayithobela imigaqo yeendawo zentengiso (promotional space) nezivumelwano zamaxabiso.

* Qinisekisa ukuba ii-SKU ngokwamacandelo azo nendawo zazo zihambelana nesivumelwano sorhwebo.

* Nika izicwangciso kwaye ulawule ngendlela efanelekileyo izixhobo zokulungisa iimpahla (merchandising resources) ukwakha umthamo wentengiso evenkileni. Sebenzisana nomlungisi-mpahla (merchandiser) ukuqinisekisa ukuba isitokhwe sizele, siyajikeleziswa, kwaye sikhangeleka kakuhle ngamaxesha onke.

* Kwenza imbuyekezo (credit) kwaye ulahle ngokufanelekileyo zonke izinto ezibuyiweyo kuzo zonke iivenkile.

* Qokelela ulwazi kwaye unike ingxelo ngezinto ezithandwa ngabathengi, imisebenzi yabo sikuncintisana nabo, kunye namaxabiso.

* Sebenza njengonxibelelwano phakathi kwabaPhathi babaThengi bethu (Customer Managers) nabaphathi beevenkile zabathengi.

* Ukunikezela ngamaxwebhu eentengiso (deal sheets) kubathengi (buyers) ngendlela efanelekileyo nangexesha.

* Lawula ngokufanelekileyo onke amaxwebhu omthengi nolawulo olufana neefomu zesicelo, amabango, iintlawulo njalo njalo.

OKO UZA KUKUZISA ETAFILENI (IIMFUNO):

Izakhono (Competencies)

* Ukuphembelela Abanye: Uphembelela abanye ngokubonakalisa umnqweno wakho wokuwina nokuzinikela kwakho ekuncedeni abathengi bakho ukuba baphumelele kwindawo yokuthenga.

* Ukuzimela (Owning It): Usebenza kumgca ongaphambili weshishini lethu kwaye uqhuba ukukhula kwethu. Unomdla kakhulu kwiintengiso kwindawo yokuthenga. Uzimisele kwimpumelelo yentengiso kwaye uzibona unoxanduva lwempumelelo okanye ukungaphumeleli kwakho.

* Ukuqhuba Iziphumo Zexesha Elide: Uzimisele ekufikeleleni ekujoliswe kuko (sales targets) kodwa ukwajonga nangaphaya kweengxaki zanamhlanje.

* Ukuziphuhlisa Nawe Nabanye: Uvulelekile ekufundeni izinto ezintsha kwaye ufumana iindlela zokukhula nokuphuhlisa izakhono zakho zokuthengisa.

Amava

* Iminyaka emi-3 ukuya kwemi-5 yamava okuthengisa (field sales).

* Amava kwishishini le-FMCG (iimpahla ezithengwa kakhulu nezihamba ngokukhawuleza).

* IBanga le-12 (Grade 12).

 

 

Closing Date: 02 Januwari 2026

Faka Isicelo Apha 👇 

 

COFA APHA

 

COFA APHA 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯