Puratos Foods ikhangela i PICKER PACKER PULLER, eMonti, eMpuma Koloni.

#EkhayaIspan | 💯

 

INKCAZELO YOMSEBENZI

Le ndawo ijolise ekuncedeni kwimisebenzi yokuhambisa impahla ukusuka kwindawo yokugcina (warehouse) ukuya kwiindawo zokuthumela (despatch gates and cages) ngokuhambelana neepicking slips, kunye nokupakisha impahla.

 

IMISEBENZI EPHAMBILI

 

Ukulayisha impahla kwiilori ngokwe-invoice yomthwalo.

 

Ukukhetha impahla ngokuchanekileyo kwi-warehouse ukuya kwi-despatch ngokwemigaqo echaziweyo.

 

Ukusayina nokubuyisa i-handheld scanners ekuqaleni nasekupheleni kwes shift.

 

Ukupakisha impahla kunye nokuqinisekisa ucoceko kwiindawo zokugcina kunye neepallet ezipakishiweyo.

 

Ukuphatha impahla ngononophelo ukuze ingonakali.

 

Ukuxela impahla eyonakeleyo okanye ephelelwe lixesha kumphathi we-warehouse.

 

Ukusebenzisa izixhobo ezifanelekileyo zokuthutha impahla ezifana ne-pallet jack.

 

Ukwenza eminye imisebenzi efunekayo ngokweemfuno zenkampani.

 

IIMFUNO ZOMSEBENZI

 

IBanga le-12.

 

Amava eminyaka eyi-1–2 kwi-warehouse.

 

Ukulungele ukusebenza ngaphezulu kwexesha rhoqo ukuba kuyafuneka.

 

Ukukwazi ukufunda nokubhala ngesiNgesi kunye nolunye ulwimi lwasekuhlaleni.

 

Ubuchule bokunxibelelana.

 

Ubuntu obuhle, ukusebenza nzima, ukusebenza neqela, ukunyaniseka.

 

IIMPAWU EZIFUNEKA

 

Ukusebenzisana kakuhle neqela.

 

Ukunxibelelana ngokucacileyo.

 

Ingqwalasela kwiinkcukacha kunye nokusebenza phantsi kolawulo oluncinci.

 

Ukuzimisela ukufunda nokuphucula.

 

Ukunikezela ngenkonzo egqwesileyo kubathengi.

 

INDLELA YOKUFAKA ISICELO

Ukuba unomdla kwaye uyahlangabezana neemfuno, cela ufake isicelo ku:

🌐 www.chipkinspuratos.co.za

📧 Denzel.Fonete@chipkinspuratos.co.za

 

UMGQUNDU WOKUVALA: 15 Agasti 2025

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯