
Pick n Pay – Manager Deli, KuGompo City.
#EkhayaIspan | 💯
Pick n Pay ikhangela i-Manager Deli, KuGompo City, eMpuma Koloni.
INJONGO YOMSEBENZI
Ukukhokela, ukuphuhlisa, nokulawula onke amasebe e-Deli (ukutya okushushu nokupholileyo). Oku kuquka ukuqhuba kakuhle kwezentengiso, ukulawula isitokhwe, ukunciphisa inkunkuma (waste), nokuqinisekisa ukuba abathengi bafumana ukutya okusemgangathweni kwaye kukhuselekile.
UXANDUVA OLUPHAMBILI
* Imali neNtengiso: Ukuphumeza iithagethi zentengiso, ukulawula ingeniso (margin), nokunciphisa ilahleko nesitokhwe esonakalayo.
* Umgangatho nokuYila: Ukuqinisekisa ukuba iiresiphi ziyalandelwa, ukutya kumnandi kwaye kubonakala kukuhle, nokuzisa iindidi ezintsha zokutya.
* Inkonzo yoMthengi: Ukwenza indawo ye-Deli ibe nomtsalane kwaye inikeze ngenkonzo egqwesileyo kubathengi.
* Uthotyelo neMithetho: Ukuthobela imithetho yokhuseleko lokutya (food safety), ucoceko, nokulawula iishedyuli zabasebenzi.
* Ubunkokeli: Ukunika uqeqesho nophuhliso kwiqela lakwa-Deli nokuqinisekisa ukuba wonke umntu unoxanduva.
IIMFUNO ZOMSEBENZI
* Ibakala 12 (Grade 12/Matric).
* Isiqinisekiso se-Culinary (NQF Level 2) okanye i-Hospitality & Catering.
* Amava eminyaka emi-3 ukuya kwemihlanu (3–5 years) kwisebe lokutya okutsha (Fresh Food/Deli).
* Ubuncinci amava eminyaka emibini (2 years) ukwiqinga lolawulo okanye ubuphathi (Supervisory/Management).
* Ulwazi olunzulu ngemithetho yokhuseleko lokutya nendlela yokulawula ingeniso nenkunkuma.
IINDLELA ZOKUZIPHATHA (VALUES)
* Ukuthanda abathengi.
* Intlonipho nononophelo.
* Ukukhula kwamathuba omntu ngamnye.
* Ukunyaniseka nemfezeko.
Umhla wokuvalwa: 04 April 2026
Faka Isicelo Apha 👇
