
MOTUS AUTOWORX – BODYSHOP ASSISTANT (PANEL BEATER), KuGompo City.
#EkhayaIspan | 💯
MOTUS AUTOWORX ikhangela i-BODYSHOP ASSISTANT (PANEL BEATER), KuGompo City, eMpuma Koloni.
INKCAZO YOMSEBENZI
IMotus Autoworx ifuna umntu ozakusebenza njengomncedisi kwi-bodyshop e-East London. Lo msebenzi ubandakanya ukulungisa iimoto ezonakeleyo kunye nokuncedisa emsebenzini weworkshop.
IMISEBENZI
Ukuhlola iimoto ezonakeleyo ngokwe-quotation
Ukuncedisa ekususeni iinxalenye zemoto
Ukuncedisa abapanel beater ekulungiseni
Ukulungisa dents nokolula iipaneli
Ukusila nokulungisa umphezulu phambi kokupenta
Ukwenza umsebenzi wokuwelda xa kuyimfuneko
Ukusebenzisa izixhobo ukwenza nokulungisa iipaneli
Ukugcina indawo icocekile
Ukubuyisa izixhobo emva komsebenzi
IIMFUNO
Ibanga le-12 (Matric)
Amava eminyaka emi-2 kwi-panel beating
Isiqinisekiso sobugcisa (Journeyman)
Ilayisensi ye-Code 8 esebenzayo
Ulwazi olusisiseko lwekhompyutha
Ukukwazi ukuthetha nokubhala isiNgesi
IZAKHONO
Ukusebenza kakuhle neqela
Ukuzikhuthaza nokuthembeka
Ukunyaniseka nokuba noxanduva
Ukuziphatha kakuhle nokubonakala kakuhle
Ukusebenza phantsi koxinzelelo
Ulawulo lwexesha kakuhle
Umhla Wokuvala: 20 April 2026
Faka Isicelo Apha 👇
