
Montego Pet Nutrition – CASUAL GENERAL WORKERS ezi x2, eKuGompo City.
#EkhayaIspan | 💯
Montego Pet Nutrition ikhangela i-CASUAL GENERAL WORKERS ezi x2, eKuGompo City, eMpuma Koloni.
INGCACISO NGOMSEBENZI
Le ndima yeyokuncedisa iqela lethu xa kukho umsebenzi omninzi. Imisebenzi iquka:
* Ukupakisha nokulungisa isitokhwe (stock).
* Ukuncedisa abaqhubi ngeepepha zokuhambisa iimpahla.
* Ukulayisha nokuthula iilori (kufuneka ukwazi ukuphakamisa iingxowa ezinobunzima obufikelela kwi-40kg).
* Ukucoca indawo yokugcina iimpahla (warehouse) neendawo ezisingqongileyo.
* Ukuhamba nabaqhubi xa kuyiwa kwiindawo ezikude kakhulu.
> QAPHELA: Lo msebenzi asiwo wesigxina. Uya kubizwa kuphela xa kukho imfuneko, kwaye uya hlawulwa ngeeyure ozisebenzileyo kuphela.
>
OKUFUNEKAYO (REQUIREMENTS)
* Umatriki (Grade 12 / NQF4).
* Ube uhlala e-East London (ukuze ufumaneke msinya xa ubizwa).
* Ube awuphangeli okwangoku.
* Impepha-mvume yokuqhuba (Code 10 / C1 enomPrDP) iya kuba lulutho kakhulu.
* Amava okusebenza kwi-Warehouse okanye kwi-FMCG aya kukunceda.
IZAKHONO NEEMPPAWANA EZIFUNEKAYO
* Ukwazi ukusombulula iingxaki.
* Ukwazi ukunxibelelana kakuhle (thetha nokuphulaphula).
* Ukwazi ukufunda nokubhala kakuhle kakhulu.
* Ukwazi ukusebenza phantsi kwengxinano.
* Ukuzinikela emsebenzini wakho.
INDLELA YOKUFAKA ISICELO
Umhla Wokuvala: 09 April 2026
Faka Isicelo Apha 👇
