
Kubanjwe indoda malunga nezityholo zokuphanga I Abalone eKenton-On-Sea
Kubanjwe indoda malunga nezityholo zokuphanga I Abalone eKenton-On-Sea

Kenton-On-Sea | 13 Julayi 2025 – Indoda eneminyaka engamashumi amane anesine (44) ibanjwe emva kokuba amapolisa asePort Alfred K9 Unit, iKariega Anti-Poaching Unit kunye neenkonzo zabucala zikhokhele ugqogqo oluphumelelayo lokulwa uphango lwaselwandle.
NgoLwesine ebusuku, ngomhla we-10 Julayi, amapolisa aqaphele imoto emhlophe uToyota Corolla Verso ikhuphela abantu abakrokeleka njengabaphangi elwandle eBoknes. Emva kweeyure ezininzi, eli qela labuyela liza neengxowa ezinzima, kodwa lanyamalala.

Ngemini elandelayo, amapolisa afumanise iindawo ezineengxowa ezaziqulethe i-abalone kunye nezixhobo zokuntywila kwi fama ekufutshane. Kwabekwa iliso elibukhali de kwaphindwa kwafunyanwa le moto iphinda iyolanda iimpahla.
Xa amapolisa ezama ukuyimisa kufuphi neR72, umqhubi wale moto wacela kwabanentsente , kwalandela ukuqhuba ngesantya esiphezulu. Abakhweli abathathu baphuma bemka ngehlathi ,oko kudale ukuphazamiseka kwemoto okuthe kwayibangela ukuba ingquzulane nemoto yokuqala ukuya e Alexandria.
Umqhubi uye wonzakala kancinane wabe uyabanjwa. Ukanti ujongene nezityholo zokuthwala i-abalone ngaphandle kwemvume, ukuqhuba ephantsi kwempembelelo zeenyembezi zikavitoliya , kunye nokuqhuba ngesantya esiphezulu.
I-abalone enexabiso eliqikelelwayo le-R129,000, izixhobo zokuntywila, kunye nemoto ziye zabanjwa. Abo bathe baba ngamaxhoba engozi bathuthwe ngamalungu onyango ukuya esibhedlele.
Umtyholwa kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi ePort Alfred kungekudala.
