
Konzakele abatyholwa ababini abarhanelwa kwisiganeko sokuxhwila ngethuba bedubulana namapolisa eQonce nge 15 June 2025.
Konzakele abatyholwa ababini abarhanelwa kwisiganeko sokuxhwila ngethuba bedubulana namapolisa eQonce nge 15 June 2025.
By Lilitha Mdakana
16 June 2025

Inqwelo mafutha eluhlobo lwe Quantam encinci yakwa Toyota nesetyenziselwa ukuthutha abafundi ukusuka e Westbank primary school ixhwilwe ekuzeni kusa Kwange cawe ngentsimbi yesithathu, ukanti ngethuba kusenzeka isiganeko oonogada bebekhonjwe ngomkhono wekati.
Iqela le Tactical Response Teams elikwi sithili sase OR Tambo kunye ne Chris Hani, ne qela labo I Reece team benze uphando ngokulandela umkhondo malunga nenqwelo mafutha ehlobo lwe quantum encinci yakwa Toyota ebixhwilwe ngecawe e Qonce ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga.

Ngokwengxelo iquantam encinci ibhaqwe kwindawo yase Darhabe kufutshane ne Elliotdale. Abakwantsana bathe bezama ukuyimisa kodwa umqhubi wanyusa isantya nangona kunjalo ude wabe uyavaleleka, lo gama abarhanelwa ababini bezama ukucela kwabanentsente kwindawo yexhwayelo baye badidiyela ngeembumbulu kumapolisa andula ukusabela. Bobabini abarhanelwa badutyulwe bonzakala Kanobom.
Ukanti amapolisa akwabhaqe imikhono yekati emibini kubarhanelwa ene nombolo ze serial ezicikiweyo.
