
Isifundiswa seWSU ebesiziphilisa ngokuthengisa: Ibali elibuhlungu likaBalulwa Malapu
U-Balulwa Malapu: Isifundiswa Esingazange Sancama
Kule ndawo yaziwa kakhulu ngokuba yi-“Airport yaseMonti” phambi kwase-Steers kwi-Oxford Street, eKuGompo, abaninzi bebemazi u-Balulwa Malapu njengentombi ebisoloko izihlelele ngasemva kwetafile yayo, ithengisa iziqhamo nezidlo ezishushu, inoncumo olupholileyo kwaye izithobile ngomphefumlo.
Wayenguthweswe-zidanga wase-Walter Sisulu University (WSU) owafumana i-Diploma kwi-Policing emva kweminyaka yokuzibhula ngezifundo zakhe. Njengolutsha oluninzi eMzantsi Afrika, wayekholelwa ukuba imfundo iya kumvulela iingango, itshintshe nobomi bakhe.
Emva kokungqubana nodonga ekufuneni umsebenzi kwicandelo lakhe, u-Balulwa akazange akhethe ukuhlala ekhaya asonge izandla ancame. Kunoko, wavuka waphuma wayokuzama amacebo kwiireyithi zeeteksi eKuGompo City, ethengisa iziqhamo nezidlo, esilwela ubomi ngesidima nangokuzimisela okungumangaliso.
Ibali lakhe linyathela emfutshane kwingxaki enkulu ejongene ne-Mpuma Koloni neli lizwe jikelele. IPhondo leMpuma Koloni lihlala lingenye yeendawo ezinamanani aphezulu kakhulu angenamisebenzi, apho ukungabikho kwemisebenzi elutshatheni kukhubeze amawaka abantu abanezidanga nolutsha olusilelayo ukufumana amathuba nangona bafundile, benobuchule. Uninzi lunyanzeleka ukuba luziphilise ngokuthengisa ezitratweni (ukuhustla) ukuze nje kubekho into engenayo.
Umfanekiso ka-Balulwa emva kwetafile yakhe yeziqhamo awusewo mfanekiso nje. Luphawu lokunyamezela, ukuzincama, namadabi athe cwaka alwelwa ngabantwana abafundileyo abangenamisebenzi yonke imihla.
Lala ngoxolo ntombi yasekhaya, kwaye elibali lakho maliqhubeke nokuvuselela iingxoxo malunga nengxaki yokungabikho kwemisebenzi elutshatheni nokuphakanyiswa koqoqosho lwabantu bakuthi.
#RIPBalulwa #YouthUnemployment #EconomicEmpowerment #KuGompoCity
