Iidolophu aaseMpuma Koloni zinokufumana amagama amatsha
By Lilitha Mdakana
Iidolophu ezintathu zembali eMpuma Koloni zinokufumana amagama amatsha njengoko iphondo liqhubeka nenkqubo yokutshintsha amagama ezindawo ngenjongo yokuhlonipha iinkokeli zemveli kunye namagosa abalulekileyo kwimbali yoMzantsi Afrika.
IKomiti yeMida neMigqaliselo yaMagama eMpuma Koloni iqinisekisile izindululo ezichaphazela iLady Grey, iSterkspruit kunye neHerschel. Ukuba ezi zindululo ziyavunywa, iLady Grey iza kubizwa ngokuba yiNkosi Makhobeni, iSterkspruit ibe yiNkosi Mpangazi, logama iHerschel iza kubizwa ngokuba yiNkosi Lihlongo.
Ezi zindululo zokutshintsha amagama sele zivuse ingxoxo-mpikiswano phakathi kwabahlali namaqela ezopolitiko. Abanye bathi ukutshintsha amagama amadala kunokususa okanye kunciphise imbali nenkcubeko yasekuhlaleni, logama abaxhasi besithi la magama matsha aza kuhlonipha abantu ababalulekileyo kwimbali yabantu bomthonyama.
ILady Grey, eyasekwa ngo-1858, yathiywa ngegama likaEliza Lucy Grey, umkaSir George Grey, owaba yiGovernor yaseKapa phakathi kuka-1854 no-1859.
IHerschel, eyasekwa ngo-1879, yathiywa ngoSir John Herschel, umkhangeli-zinkwenkwezi owaziwayo. Nayo ibandakanyiwe kwizindululo zokutshintshwa kwamagama.
Ngokutsho kwabasemagunyeni, ezi ntshintsho zamagama zijolise ekwandiseni ukuqatshelwa kwe enkcubeko, ilifa kunye nendima yeenkokeli zemveli kwimbali yasekuhlaleni.
Le nkqubo ilandela ezinye iinguqu zamagama esele zenziwe eMpuma Koloni, kuquka iPort Elizabeth yaba yiGqeberha, iGrahamstown yaba yiMakhanda, iKing William’s Town yaba yiQonce, kunye neQueenstown yaba yiKomani.
Nangona abaxhasi besithi olu tshintsho lubuyisela isidima kwimbali nakwinkcubeko yabantu bomthonyama, abagxekibathi lunokuba neendleko eziphezulu kwaye lunokubangela ukulahleka kwezinye iziqendu zembali yasekuhlaleni.
Ingxoxo yasesidlangalaleni kulindeleke ukuba iqhubeke njengoko izindululo ziqhubeka nenkqubo yokuphononongwa nokuvunywa.