Impelaveki yozijonga uba Ukhona kuxwebhu luka IEC

.
I-IEC ivula ngaphezu kwe-23 000 izikhululo zokubhalisa abavoti kweli lizwe
IKomishini yoNyulo yoMzantsi Afrika (IEC) ibhengeze ukuba iza kuvula izikhululo zokubhalisa abavoti ezingama-23 706 kwilizwe liphela kule mpelaveki, ukunika abemi ithuba lokuba  babhalise, baqinisekise okanye bahlaziye iinkcukacha zabo  kuluhlu lwabavoti.
Eli nyathelo lijolise ekuqinisekiseni ukuba bonke abantu abafanelekileyo bayakwazi ukuthatha inxaxheba kunyulo oluzayo. I-IEC ikwabongoza uluntu, ingakumbi  ulutsha nababhalisa okokuqala, ukuba lusebenzise eli thuba ukuqinisekisa ukuba iinkcukacha zabo zichanekile.
Abavoti bayacetyiswa ukuba batyelele izikhululo ezikufutshane nabo ngexesha elimiselweyo ukuze inkqubo yokubhalisa ihambe kakuhle.
