Home of Legends Excellence Awards

IINDABA | 💯

UGexu ungomnye wabantu abathembekileyo kushishino lobuhle eMpuma Koloni, owaziwa ngomsebenzi ogqwesileyo kunye neqela elizinikele ekuboneleleni ngeenkonzo ezisemgangathweni. I-BASE sele yaziwa njengendawo ekumgangatho ophezulu yokufumana iinkonzo zobuhle, ethi ingadanisi nje abathengi kodwa ibenze bazive bexatyisiwe kwaye bekhathalelwe kuyo yonke iSession.

Ngaphandle kokuphumelela kwevenkile yakhe, neyandise amathuba emisebenzi, uGexu unombono wokuseka i-Academy yoQeqesho lwezobuhle. Le Academy iza kunceda abasetyhini abancinci abangenako ukuhlawula uqeqesho, ibanike ithuba lokuphuhlisa amakhono abo, balandele amaphupha wabo njengoZenande, baze bakwazi nokungena kwimisebenzi.

Le ngcamango ijolise ekwakheni izakhono, ekudaleni amathuba kunye nasekuxhobiseni abasetyhini ukuba bazimelise kwezoqoqosho, ingakumbi abo banamaphupha kodwa bengazi ukuba bangawangenela njani amashishini obuhle. Namhlanje, uGexu ukhethwe njengomnye wabo bafakwe kuluhlu lwabagqatswa kwiimbasa ze-Home of Legends Excellence Awards, into ebonisa ukwamkelwa komsebenzi wakhe kunye nefuthe anawo kuluntu.

U-Zenande ukholelwa ukuba inkxaso eqhubekayo yabathengi kunye noluntu iyakwazi ukumphumelela le Mbasa. Uthi le mbeko ayingeyakhe yedwa, kodwa yeyabo bonke abaxhasa iBASE Beauty Bar: abathengi abathe bathembela kule brand, kunye neqela elisebenza ngobuchule, ngentlonipho nangokubambisana.

Ukhuthaza uluntu ukuba lunikile ivoti ukuze amkele le mbasa ekhaya, njengophawu lokuba impumelelo iyafezeka xa kusetyenzwa kunye. Ivoti ivalwa nge-6pm ngoLwesihlanu.

Ngokudibanisa ubuhle, uqeqesho kunye nokudala amathuba, uZenande Gexu ubungqina bokuba ishishini lobuhle linokuguqula ubomi kwaye linokubeka isiseko sekamva eliqaqambileyo kwabasetyhini abancinci abafuna ukulandela eli khondo.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯