FNB – HANDYMAN, eGqeberha, eMpuma Koloni. 

#EkhayaIspan | 💯 

First Rand Bank (FNB) ikhangela i-HANDYMAN, eGqeberha, eMpuma Koloni.

 

INGCACISO YOMSEBENZI (JOB DESCRIPTION)

Sijonge umntu oza kuba noxanduva lokulungisa kunye nokugcinwa kwendawo nempahla yesakhiwo.

Molo, Handyman Wekamva.

Wamkelekile kwi-FNB. Njengenxalenye yeqela lethu, uza kusebenza nabantu abaneetalente ezahlukeneyo kwindawo ekhuthaza ukufunda nokukhula. Eli lixesha lokubona amandla akho kwiqela apho iingcali zidibana khona ukuzisa utshintsho olubonakalayo.

IMISEBENZI EZA KWENZIWA NGUWE (RESPONSIBILITIES)

Ingaba ungumntu okwaziyo ukwenza oku kulandelayo?

* UKULUNGISA JIKELELE: Ukulungisa imiba yolondolozo, kuquka ukuchwela (carpentry) nokulungisa ii-drywalls.

* IMISEBENZI YOLONDOLOZO (MAINTENANCE): Ukwenza umsebenzi wesiqhelo wokuqinisekisa ukuba izinto zusemgangathweni, njengokucoca, ukupeyinta, ukuhlola imigangatho kunye nokugcinwa kwezixhobo.

* UKWAKHA NOFAKELO: Ukwakha nokulungisa iikhabhathi, iikhawuntara, neekhbhathi zempahla kunye nezinye izinto ezifakelwayo.

* UKUSOMBULULA IINGXAKI: Ukuchonga nokulungisa iingxaki zolondolozo, nto leyo edla ngokufuna ukucinga nzulu nokusombulula iingxaki ngokukhawuleza.

* ULWAZI NGEKHOMPYUTHA: Ukwazi ukusebenzisa i-MS Office kunye nezinye ii-app zolondolozo lwesakhiwo.

* UKHUSELEKO NOKUTHOBELA IMITHETHO: Ukuthobela imithetho yokhuseleko, ukuqinisekisa ukugcinwa kakuhle kwezinto zokusebenza kunye nokulandela imigaqo-nkqubo yenkampani.

* UNXIBELELWANO NOLUNGSELELO: Ukunxibelelana nabaxhasi (clients) kunye nabaphathi malunga nezinto ezifuna ukulungiswa.

OKUFUNEKAYO (REQUIREMENTS)

Uyakuba ngumgqatswa ofanelekileyo ukuba unako oku:

* IMFUNDO: Ibanga le-12 (Matric) okanye elilingana nalo.

* UBUCHULE OBONGEZELELEKILEYO: Isiqinisekiso sekhosi ye-Handyman siza kuba lulutho olukhulu.

IIMPAWU ZOMNTU ESIKHANGELA YENA

Singasebenzisana kakuhle ukuba:

* UNOMDLA NESIBINDI: Uqhutywa kukungafuna ukwazi nokufunda okungakumbi kwaye unesibindi sokwenza njalo.

* UZIMISELE UKUGQWESA: Uyazazi izinto ezifunekayo ukuze ugqwese kumsebenzi wakho kwaye uhlala uzityhala ukuze uphumelele.

 

UMHLA WOKUVALA: 02 December 2025

Faka Isicelo Apha 👇 

 

COFA APHA 

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯