
Fidelity Service Group -Sales Consultant, eGqebehra.
#EkhayaIspan |💯
Fidelity Service Group ikhangela i-Sales Consultant, eGqebehra, eMpuma koloni
IMISEBENZI EPHAMBILI
Ukuthengisa iinkonzo zokubeka iliso nokuphendula kwiimeko zokhuseleko (armed monitoring and response).
Ukuthengisa iinkqubo ze-alamu, iikhamera ze-CCTV, kunye neefencing zombane.
Ukufikelela nokugqithisa iithagethi zentengiso zenyanga nganye.
Ukukhangela amathuba amatsha oshishino nokwakha ubudlelwane nabarhwebi bezindlu, abakhi, kunye nabayili bezakhiwo.
IIMFUNO ZOMSEBENZI
Imatrikhi (Matric) okanye isiqinisekiso esilinganayo.
Kubalulekile: Ukubhaliswa kwe-PSIRA (Grade C).
Amava angaphambili kwintengiso (ukuthengisa izixhobo zokhuseleko luyinzuzo enkulu).
Ilayisensi yokuqhuba esebenzayo kunye nemoto yakho.
Izakhono ezilungileyo zonxibelelwano, ukwenza iintetho, nokuthethathetha.
Ukwazi ukusebenzisa i-MS Office, i-imeyile, kunye ne-Intanethi.
IZIKHOKELO
Le nkampani ixhasa ukuguqulwa kwabasebenzi kwaye ikhuthaza abafazi abantsundu kunye nabantu ababekade becinezelwe ukuba bafake izicelo.
Ukuba awuqhagamshelwanga kwisithuba seentsuku ezili-10 zomsebenzi emva komhla wokuvalwa, nceda uthathe isicelo sakho njengesingaphumelelanga.
Umhla Wokuvala :17 July 2026
Faka Isicelo Apha 👇
COFA APHA
