Department of Employment – Accounting Clerk ezi x2, eKuGompo City.

#EkhayaIspan | 💯

 

Department of Employment & Labour ikhangela i-Accounting Clerk ezi x2, eKuGompo City, eMpuma Koloni.

 

Umvuzo: R237 453 ngonyaka.

Reference Number: HR4/4/1/106

Closing Date: 12 June 2026

Ziintoni ezifunekayo?

* Imfundo: Ibanga le-12 (Grade 12) elinobungqina bokugqiba i-Commercial Subjects (Business Management, Economics, ne-Accounting).

* Izakhono: Ukukwazi ukusebenzisa iikhompyutha, ukulungisa iingxaki (problem solving), kunye nokuqonda indlela esebenza ngayo i-PFMA kunye ne-Treasury Regulations.

Yintoni ozakuyenza?

* Ukugcina nokufaka iinkcukacha zemali kwiinkqubo ezifana ne-BAS, LOGIS, kunye ne-PERSAL.

* Ukuqinisekisa ukuba irekhodi zemali zigcinwe kakuhle.

* Ukuxhasa kwinkqubo yohlahlo-lwabiwo mali (budgeting) kunye nokuphatha i-petty cash.

Indlela yoku-apply (Musa ukwenza impazamo!)

1. Ifomu: Sebenzisa i-Z83 form (eyango 2021).  (Z83 FORMS COFA APHA  ) Musa ukusebenzisa i-Z83 endala okanye ungayigcwalisi ngokupheleleyo, kuba i-application yakho izokukhatywa.

2. I-CV: Yidibanise ne-Z83 yakho kwi-PDF‎ enye.

3. Email: Thumela kwi-Jobs-EC2@labour.gov.za.

* Kubalulekile: Kwi-subject line ye-email, bhala igama lomsebenzi kunye ne-reference number (HR4/4/1/106).

4. I-Physical Address: Ungayisa okanye uyiposi kule dilesi: No.3 Hill Street, East London, 5201.

Qaphela:

* Musa ukuthumela i-photo ye-application yakho; kumele ibe yi-scan ecacileyo.

* Iziqinisekiso zemfundo (certified copies) uza kuzifuna kuphela xa ubiziwe kwi-interview.

* Ukuba awuzange ube uviwe emva kweeveki ezisibhozo (8 weeks), yazi ukuba awuphumelelanga.

* Note: Ngokomgaqo wokulingana, esi sithuba sikhangele abantu bebala elimhlophe (White candidates).

Unemibuzo?

Tsala umnxeba ku-Mr MM Nohesi kule nombolo: (043) 701 3029.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯