
CUSTOMER SERVICE, eKuGompo City, eMpuma Koloni.
#EkhayaIspan | 💯
FlySafair ikhangela i-CUSTOMER SERVICE, eKuGompo City, eMpuma Koloni.
ISISHWANKATHELO SOMSEBENZI
IFlySafair ifuna iGosa lezoNcedo kubaTshayeli eliza kusebenza eMonti ixesha elithile. Lowo ophumeleleyo uya kusebenza phantsi koMphathi weSikhululo (Duty Station Supervisor).
UXANDUVA LOUMSEBENZI
* Ukunceda abakhweli ngokuthengiswa kwamatikiti, ukubhukisha, kunye nokuphinda utshintshe iindiza.
* Ukucacisa imithetho, imigaqo, nemiqathango xa kufuneka njalo.
* Ukunceda abathengi xa kukho uphazamiseko okanye ukurhoxiswa kweendiza.
* Ukuphatha ulwazi oluyimfihlo ngendlela efanelekileyo.
* Ukujongana nezikhalazo ngendlela enobungcali nangexesha elifanelekileyo.
* Ukugqithisela imiba enzima kuMphathi (Supervisor) osemsebenzini.
* Ukunikezela ngenkonzo yabathengi egqwesileyo ngamaxesha onke.
IIMFUNO EZISEZANTSI
* Ibanga le-12 (Matric) okanye okulinganayo (Kubalulekile).
* Amava okusebenza kwisikhululo seenqwelo-moya nokuthengisa amatikiti (Kubalulekile).
* Ukuzimasela ukusebenza ngeeveki, ngeeholide zoluntu, kunye neeshingi (shifts).
* Ukwazi ukusebenzisa ikhompyutha (Microsoft Word, Excel, Outlook).
* Isakhono esomeleleyo sokunxibelelana ngesiNgesi (ngokubhala nangomlomo).
* Isakhono sokusombulula iingxwabangxwaba.
IIMPAWU ZOMNTU
* Ukugcina ixesha nokuthembeka.
* Ukuziphatha kakuhle nokuba nentembeko.
* Ukwazi ukusebenza kakuhle phantsi koxinzelelo.
* Izakhono eziqinileyo zokulawula ixesha.
* Ukubeka abathengi kwindawo yokuqala nokuhlala ulungele ukunceda.
