
COMMUNITY HEALTH WORKER (CHW), EASTERN CAPE
#EkhayaIspan | 💯
KEISKAMMA TRUST ikhangela i-COMMUNITY HEALTH WORKERS (CHW), eMpuma Koloni.
INKCAZO YOMSEBENZI
IKeiskamma Trust ifuna abantu abazimiseleyo ukusebenza njengabaCommunity Health Worker ukuxhasa iinkonzo zempilo kuluntu kunye nokunyamekela abantu emakhaya.
IINDAW O NEZIKHUNDLA
Alfred Nzo – izikhundla eziyi-10
Amathole – izikhundla eziyi-10
Buffalo City – izikhundla eziyi-10
Nelson Mandela Bay – izikhundla eziyi-10
IXESHA LOMSEBENZI
Iinyanga ezingama-36 (kuxhomekeke kwinkxaso-mali)
IMISEBENZI
Ukuxhasa impilo kamama nomntwana
Ukulandela impilo yabantwana nolutsha
Ukuncedisa kwizifo ezingapheliyo (HIV, TB, STIs)
Ukuncedisa kwizifo ezingosuleliyo (diabetes, hypertension)
Ukudibanisa abantu nezibhedlele okanye ii-clinic
Ukwenza utyelelo lwamakhaya
Ukuchonga iingxaki zempilo kuluntu
IIMFUNO
Ibanga le-12 (luncedo)
Isiqinisekiso seHome-Based Care okanye PHC
Amava kuluntu okanye kwezempilo (luncedo)
Kufuneka uhlale kuloo ndawo
Izakhono zonxibelelwano ezilungileyo
Ukugcina imfihlo
IINKCUKACHA ZESICELO
Ngenisa: I-CV, ikopi ye-ID eqinisekisiweyo, kunye neziqinisekiso zoqeqesho
I-imeyile: enquiries@keiskamma.org
Umhla wokuvala: 03 May 2026
