Clover -Human Resources Officer, eGqebehra.

#EkhayaIspan |💯

 

Clover ikhangela i-Human Resources Officer, eGqebehra, eMpuma koloni

 

​Uxanduva oluPhambili:

 

​Ukuncedisa ngezicwangco zokuqesha (recruitment) kunye nokufaka abasebenzi abatsha.

​Ukulawula izicwangciso zophuhliso nokufunda (Learning & Development) kuquka ne-WSP.

​Ukuncedisa kulawulo lwezibonelelo zabasebenzi (Medical Aid, Pension/Provident Fund).

​Ukuncedisa kwimisebenzi yobudlelwane emsebenzini (Industrial Relations).

 

​IIMFUNEKO ZOMSEBENZI:

 

​I-National Diploma (NQF 6).

​Ukwazi ukuhamba ngomsebenzi okanye ukulala ngaphandle kwikhaya lakho xa kuyimfuneko.

​Amava afanelekileyo kwimisebenzi ye-HR.

​Ukwazi ukuthetha nokubhala isiNgesi kakuhle.

​Ubuchule bokusebenzisa ikhompyutha (Intermediate).

 

​UXANDUVA LOMSEBENZI:

 

​Uncedo kuQesho (Recruitment):

​Ukuncedisa kwiinkqubo zokuqesha kubasebenzi base-Paterson A no B.

​Ukungenisa nokuqhelanisa abasebenzi abatsha emsebenzini (Induction).

​Ukuncedisa ekufezekiseni iSicwangciso soLingano Lwabasebenzi (Employment Equity Plan).

​Uphuhliso noQeqesho (Learning and Development):

​Ukusebenzana nabaphathi ukuze kuqulunqwe i-WSP kwingingqi yeMpuma Koloni (Eastern Cape).

​Ukugcina nokuhlaziya iinkcukacha zoqeqesho.

​Ukulungiselela nokulungelelanisa zonke iinkqubo zoqeqesho.

​ Ulawulo lweziBonelelo (Benefits Administration):

​Ukungenisa izicelo ze-Pension/Provident Fund, Medical Aid, ne-Life Assurance.

​Ukuncedisa ngemibuzo malunga nezibonelelo nokuhlawulwa kwabaphumayo okanye ababhubhileyo.

​Ubudlelwane baBasebenzi (Industrial Relations):

​Ukunika abaphathi iinkcukacha zokungabikho emsebenzini kwabasebenzi (absenteeism).

​Ukugcina iinkcukacha zohlwayo nokuqeqesha abasebenzi (disciplinary records).

 

Umhla Wokuvala :30 August 2026

 

Faka Isicelo Apha 👇

 

COFA APHA

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯