CLIENT SERVICE OFFICER, eQonce, eMpuma Koloni.

#EkhayaIspan | 💯

 

Department of Employment and Labour ikhangela i-CLIENT SERVICE OFFICER, eQonce, eMpuma Koloni.

 

ISITHUBA 08/18: CLIENT SERVICE OFFICER: PES

INOMBOLO YESALATHISO (REF NO): HR/4/4/1/30

UMVULO: R269 499 ngonyaka

INDAWO: Qonce Labour Centre (eKing William’s Town)

 

OKULINDELEKILEYO (REQUIREMENTS)

* Imatric (Grade 12/ National Senior Certificate).

* Akukho mava (experience) adingekayo.

* Iphepha-ndlela lokuqhuba (Driver’s licence) liya kuba lilungelo elongezelelweyo.

* Ulwazi: Imigaqo-nkqubo yesebe, imithetho nemigaqo yezabasezi (Labour Legislation), uMthetho weeNkonzo zeNgqesho (Employment Services Act), uMthetho weeNkonzo zikaRhulumente nemigaqo yakhona, kunye nemigaqo yeBatho Pele.

* Izakhono: Ukusebenzisana nabantu, imbeko yasefonini, unonophelo kudliwano-ndlebe, ukukwazi ukusebenzisa ikhompyutha, unxibelelwano (ngomlomo nangokubhala), ukumamela, ukusombulula iingxaki, kunye nokukwazi ukutolika imithetho.

IMISEBENZI (DUTIES)

* Ukubhalisa abantu abafuna umsebenzi kwinkqubo ye-ESSA.

* Ukubhalisa amathuba emisebenzi nawefundo kwinkqubo ye-ESSA.

* Ukuthumela abafuna umsebenzi kwiinkonzo zeengcebiso ngezengqesho (Employment Counselling).

* Ukunikezela ngenkxaso yolawulo ekubekweni kwabafuna umsebenzi kumathuba emisebenzi nawokufunda.

* Ukwenza imisebenzi yolawulo jikelele nokuthatha inxaxheba kwiinkqubo zokwazisa uluntu (advocacy sessions) xa kufuneka njalo.

INDLELA YOKUFAKA ISICELO

IMIBUZO: Mnu A Ngombane kule nombolo: (043) 718 8380

ITHUNYELWA PHI: * Ngeposi: Deputy Director: Labour Centre Operations, Private Bag X 3081 Butterworth, 4960.

* Ngesandla: ERF 9369 Blyth and Robison Streets, Butterworth 4960.

* Nge-imeyile: Jobs-ECKWT@labour.gov.za

UMHLA VALO: * 20 Matshi 2026 ngo-16:00 (ukuba uyihambisa ngesandla).

* 23:59 (ukuba uyifaka kwi-intanethi).

QAPHELA:

> Zonke izicelo ezifakwa nge-imeyile kufuneka zibe nefomu ye-Z83 ne-CV kuphela, zidityaniswe zibe luxwebhu olunye (one PDF document). Bhala isihloko somsebenzi (job title) nenombolo yesalathiso (reference number) kwi-subject line ye-imeyile yakho. Sebenzisa i-imeyile elungileyo; ukuba akwenzi njalo, isicelo sakho asiyi kuthathelwa kqalelo. Ifomu ye-Z83 entsha iyafumaneka kulo naliphi na isebe likarhulumente okanye ku-www.gov.za/documents.

 

 

Khuphela iiFomu zeZicelo ze-Z83 ngezantsi:

COFA APHA

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯