Bargains – CUSTOMER SERVICE AGENT, eKuGompo City

#EkhayaIspan | 💯

 

Bargains ikhangela i-CUSTOMER SERVICE AGENT, eKuGompo City, eMpuma Koloni.

 

INGCAZO NGOMSEBENZI

Sikhangela umntu ozimiseleyo onobuchule bokusebenza nabantu ozokujoyina iqela lethu njenge-Customer Service Agent. Uzakuncedisa abathengi ngeentlawulo eziza ngokwamacandelo (laybyes), iilayisenisi zeTV, ii-invoices, kunye nokuncedisa emva kokuthengwa kweempahla.

UXANDUVA LWAKHO

* Ukuncedisa abathengi ngezikhalo kunye nemibuzo emva kokuba bethengile.

* Ukuphendula imibuzo yabathengi ezivenkileni, kwi-intanethi, nakwi-social media.

* Ukusebenza ngezicelo ze-laybyes kunye neelayisenisi zeTV.

* Ukuncedisa ngokukhutshwa kwee-invoices zabathengi.

* Ukugcina irekhodi echanekileyo yazo zonke iintlangano nabathengi.

* Ukusebenzisana namanye amaqela ukuqinisekisa ukuba abathengi bafumana amava amnandi.

ZIYINTONI EZIFUNEKAYO?

* Isatifikethi seMatric okanye esilingana naso.

* Ukuba nokuqonda okumisiweyo kokulawula iingxabano (emotional maturity).

* Izakhono ezilungileyo zokunxibelelana ngomlomo nangokubhala.

* Ukwazi ukusebenza phantsi koxinzelelo kwindawo ehamba ngokukhawuleza.

* Izakhono zokusombulula ingxaki nokucinga ngokukhawuleza.

* Ulwazi olusisiseko lwekhompyutha kunye ne-social media.

* Amava okusebenza kwindawo yabathengi aza kuba yinto encedayo.

IZINZUZO ZOMSEBENZI

* I-Provident Fund

* I-Medical Insurance

 

Faka Isicelo Apha 👇

 

COFA APHA

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯