
Babanjiwe Abarhanelwa Ababini Emva Kokufumaneka Kwemiphu Engekho Semthethweni
by Thandokazi Zazi
Iinzame zamapolisa zokulawula ukusasazeka kwemipu engekho mthethweni phakathi koluntu ziqale ukuvelisa iziphumo, xa amalungu ePublic Order Policing (POP) aseMthatha ebamba amadoda amabini kwii meko ezahlukeneyo eBonde, kuGatyana, ngoLwesithathu umhla wesithathu kweyoMsintsi.
Kwisehlo sokuqala, amapolisa aqhube uphando emva kokufumana ulwazi malunga nompu okhoyo kwelinye ikhaya eBonde. Bafika apho, bafumana indoda eneminyaka engama-28 ephethe umpu we-9mm ongenayo inombolo yesiriyeli ebonakalayo, kunye nemagazini enembumbulu. Umrhanelwa akazange akwazi ukubonisa naluphi na uxwebhu olusemthethweni lompu, nto leyo ekhokelele ekubanjweni kwakhe.
Kwesibini isiganeko, esingahambelani nesokuqala, amapolisa alandele olunye ulwazi lophando kwenye indawo kule ndawo inye. Bafike bafumana indoda eneminyaka engama-27 ephethe umpu we-.303 ongenayo inombolo yesiriyeli, kunye neembumbulu. Lo mrhanelwa naye akazange akwazi ukuvelisa ilayisenisi yompu, yaye yabanjwa yavalelwa.
Bobabini abarhanelwa babanjwe baze bavalelwa, kwaye kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi eGatyana kungekudala, bejongene namatyala okuhlala nemipu nembumbulu ngaphandle kwemvume esemthethweni.
