
AMAJONI OMVUZO: Oyisa Gingxana
AMAJONI OMVUZO: Oyisa Gingxana
Ibalwe nguLilitha Mdakana
23 June 2025

Dibana no Hlumelo kunye no Oyisa Gingxana abantakwabo abavela eMonti (East London) abenza igama elikhulu kwihlabathi lebhokhsi eMzantsi Afrika. Abantakwabo aba bangaphezu kokuba lusapho bangamaqabane omsebenzi, abamanywe luthando, ukuzinikela, kunye nomnqweno ongapheliyo wempumelelo.
UHAMBO LOKUYA PHAMBILI
Bekhule kwikhaya elomeleleyo kodwa lizaliswe luthando, uHlumelo noOyisa bafundiswa ixabiso lomsebenzi onzima kunye nomonde kwasebuncinane. Ngelixa babesaqala bephupha ngokudlala ibhola ekhatywayo yobungcali, bathi besaqhubeka babhaqwa yibhokhsi into eyaba yindlela yokuziveza kunye nomsebenzi wabo.
Abazange bathathe xesha lide ukwenza igama:
• Hlumelo Gingxana akakoyanga tu kumlo wakhe uphumelele kwimidlalo emithathu, waza watsala kanye. Okwangoku uhamba kwindawo ye-#6 elizweni kudidi lwe-lightweight. Iimphumelelo zakhe ezimbini zize zafikelela kwisigqibo ngaphambi kwexesha nto leyo ebonisa amandla nobuchule.
• Oyisa Gingxana naye akakoyanga, uphumelele kwimidlalo yakhe emibini yokuqala yobungcali, ebonisa isakhono nomnqweno ofanayo nowomntakwabo.

UBUDLELWANE OBUKHULISA IMPUMELELO
Eyona nto ibakhuthazayo ngu budlelwane babo obuqinileyo.
“Lulwalamano olwakhiwe kukuthembeka kunye nokuzinikela ngaphakathi nangaphandle kwe-ring,” utsho uHlumelo. Obu budlelwane bubenza bangaphumli. Xa omnye ephumelela, bobabini bayaphumelela. Xa omnye ejongene nomngeni, bobabini bafunda kwaye bakhula.
AMEHLO AKWIIMVUZO EZIPHAKAMILEYO
Kubantakwabo baseGingxana, oku kusekuqaleni nje. Banamaphupha amakhulu befuna iindebe zehlabathi. Kodwa abayenzi le nto kuphela ngenxa yabo. Bayilwela usapho lwabo, iqela labo, kunye noluntu lwaseMonti olwabakhulayo.
“Sisele siqalile,” utsho uHlumelo. “Siyavuya kwaye silungele into ezayo.”

UKWAKHA ILIFA
Abantakwabo ngoku baceba ukumilisela impahla yabo ye-brand (merchandise), nto leyo eza kubanika igama elomeleleyo njengabachaphazela kwaye abangumzekelo kwixesha elizayo. Ukuboniswa kwi-Working Man Monday kubalulekile kakhulu ngakumbi kuba baqhuba ezinyathelweni zamagqala e-bhokhsi abavela eMonti.
