
Air Traffic and Navigation Services – ADMINISTRATOR FAPE, eGqeberha.
#EkhayaIspan | 💯
Air Traffic and Navigation Services ikhangela i-ADMINISTRATOR FAPE, eGqeberha, eMpuma Koloni.
INKCAZO YOMSEBENZI
I-ATNS ifuna umntu ozakusebenza njengeAdministrator ukuze alawule imisebenzi yeofisi, i-secretarial, kunye neprocurement. Lo msebenzi ubalulekile ekuqinisekiseni ukusebenza kakuhle kweofisi kunye nolawulo lwezimali.
IMISEBENZI
ULAWULO LWE-OFISI
Ukugcina iirekhodi ngokuchanekileyo
Ukuphatha izicelo zoqeqesho lwabasebenzi
Ukulungisa iilayisensi, iimvume, kunye nemedicals
Ukulawula izinto zeofisi
Ukuphatha iimbuyekezo (travel, overtime, medical)
Ukuphendula ii-imeyile
INKXASO YE-SECRETARIAL
Ukucwangcisa iintlanganiso
Ukulungisa amaxwebhu entlanganiso
Ukuthatha nokuhambisa iiminutes
Ukulungiselela uhambo
Ukuphatha iposi kunye ne-courier
IPROCUREMENT NEMALI
Ukuthumela izicelo zokuthenga
Ukulandela ii-odolo
Ukuqinisekisa iintlawulo zenziwa ngexesha
Ukuncedisa kwiingxelo zemali
UMGANGATHO NOKUTHOTYELWA
Ukulandela imigaqo ye-ISO
Ukugcina amaxwebhu ehlaziywa
Ukuxhasa ukuphuculwa komsebenzi
ULAWULO LONXIBELELWANO
Ukusebenza nabantu abangaphakathi nangaphandle
Ukuphendula imibuzo nokunxibelelana nolawulo
IIMFUNO
Ibanga le-12 (Matric)
Isiqinisekiso kwiOffice Administration
Amava eminyaka emi-3 kwi-admin
IZAKHONO
Izakhono zolawulo lweofisi
Ukunaka iinkcukacha
Izakhono zonxibelelwano
Ukusebenza imisebenzi emininzi
Ukugcina ulwazi luyimfihlo
IINKCUKACHA ZOMSEBENZI
Inkampani: ATNS
Ishishini: Aviation
Uhlobo: Permanent
Indawo: eGqeberha
Umhla wokuvala: 19 May 2026
Umvuzo: Market-related
Faka Isicelo Apha 👇
COFA APHA
