I-R500m Yeziphaza Iyashiywa!

 

 

Inkxasomali Yamashishini Amancinane (Iziphaza).

​NgoMvulo, uMphathiswa weSebe lamaShishini amaNcinane, uStella Ndabeni-Abrahams, uveze ukuba mancinci kakhulu amashishini axhamlayo kwinkxasomali eyi-R500 million eyabekelwa bucala ukuxhasa amashishini amancinane eMzantsi Afrika.

​Lo mphathiswa uthe amashishini amancinane adlala indima ebalulekileyo kuqoqosho lwelizwe, ngakumbi iziphaza ezithenga isitokhwe kwiinkampani ezinkulu ukuze zithengisele uluntu kwiindawo ezihlala kuzo.

​Eyona nto izise inkxalabo kukuba bambalwa abantu basekhaya abangenela ezorhwebo, nangona kukho amathuba enkxaso-mali. Uthe injongo yale nkqubo kukukhuthaza uluntu, ingakumbi ulutsha nabo bengenamisebenzi, ukuba bangene kushishino ukuze bakwazi ukuziphuhlisa.

​Ukwaliseze ngelithi amagosa afuna izinyobo (or afumbathiswayo) kubantu abafuna ukuqala amashishini mawawuyeke loo mkhwa, kuba ubulala umdla kubantu abafuna ukuzimela kodwa bengenazo izixhobo okanye imali eyaneleyo.

​“Inkxaso enje kufuneka ifikelele kubantu abafanelekileyo ngaphandle kwenkohlakalo,” utshilo uMphathiswa.

​Ingaba zithini izimvo zakho mhlali?

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯