
USibalethu Mhlantla intwazana eneminyaka emi-6 ubudala efunda ibanga loku-1 kwisikolo samabanga aphantsi saseSchornville.Uhlala eQonce kwindawo ebizwa ngokuba yiDikidikana/Madramini. Ungene kuMiss Beauty With Purpose kunyaka ophelileyo kwaye uhambo aluzange lubelula kodwa lube yimpumelelo enkulu.Kwiveki ephambi kweGrand Finale wawa wophuka ingalo kodwa oku akuzange kumubambezele ekungeneni eqongeni ukuya kumodela, unomdla onjalo.Ngomhla we-16 kaDisemba wayesenza imimangaliso eqongeni kwaye wakwazi ukuphumelela iKumkanikazi kwaye waphumelela ezinye izihloko ezi-6, eyewash.U-Miss beauty onenjongo u-Alutha Petse uthe “Meet out Tiny Tots Queen owagoduka ne-7 Title’s 1st time wake wangqina umntu egoduka nezinye iziyi 6 i Title kunye ne-Queen title. Imbali yenziwe kwaye kwashiyeka iLifa” uyimodeli enomdla kunye ikamva elithembisa ngokwenene.uSiba ufumene ithuba lokumela iMpumakoloni eMpumalanga kulenyanga izayo nge 10 ka Feb kodwa udinga uncedo lwethu ukuze akwazi uzilungiselela ngemali yokhwela, eyofumana indawo yohlala nezinte nezinte ayosimela siyi Buffalo City konobuhle azokhula.
